Bongani, Bongani Inkosi Yezulu - St John’s Methodist Church

1 Bongani, bongani inKosi yezulu, Kunamhla sibon' ukukhanya kweCawa. Yimini kaThixo, yimini enkulu, Yimini yeemini, lichm ebantwini. 2 UThixo wadala izulu nomhlaba, Wabuya waphumla ngemini yeCawa. Ithamsanqa laKhe labekwa ke kuyo, Kungoko loo mini kusithwa ingcwele. 3 Ukristu kanjalo, ngeyaKhe imini, Wavuk' ekufeni, wabonwa ehleli. Kungoko kumiswe le mini yenKosi, Ndaweni yaleya yamiswa kuqala. 4 Ngemini engcwele kundawo ngeendawo Abantu benKosi bahlanganisene, Ngo Moya kaThixo, uMoya kabawo, Besenza inkonzo, bevuya kunene. Amen.