Bongani, Bongani Inkosi Yezulu - EL Circuit 313 (Audio)

Bongani, Bongani inKosi yezulu, Kunamhla sibon' ukukhanya kweCawa. Yimini ka Thixo, yimini enkulu, Yimini yeemini, licham ebantwini. UThixo wadala izulu nomhlaba, Wabuya waphumla ngemini yeCawa. Ithamsanqa laKhe labekwa ke kuyo. Kungoko loo mini kusithwa ingcwele. UKristu kanjalo, ngeyaKhe imini, Wavuk' ekufeni, wabonwa ehleli. Kungoko kumiswe le mini yeNkosi, Ndaweni yaleya yamiswa kuqala. Ngemini engcwele kundawo ngeendawo Abantu benKosi bahlanganisene, Ngomoya ka Thixo, umoya ka Bawo, Besenza inkonzo, bevuya kunene. Amen.